top of page

IZixhobo zokufundisa eziBANDAKANYIWEYO

Proterosucus_new_Col_Flat.png
Lystrosaurus2_col_flat.png
Dragonfly_col_flat copy.png

EarthViewer

Le modyuli inokusebenzisana ivumela abafundi ukuba baphonononge inzululwazi yembali enzulu yomhlaba,

ukusukela ekwakhiweni kwawo kwizigidigidi ezi-4.5 zeminyaka eyadlulayo ukuzokuthi ga kumaxesha anamhlanje.

​

I-EarthViewer ibonisa ngokucacileyo indlela amazwekazi akhula ngayo aphinde atshintshe njengoko abafundi beskrola kwizigidigidi zeminyaka. Imigangatho eyongezelelweyo ivumela abafundi ukuba baphonononge utshintsho ekwakhiweni kwe-atmosfera, kubushushu, kwiintlobo ngeentlobo zendalo zengingqi ethile, kubude bemini, kunye nokukhanya kwelanga ngokwexesha lomhlaba.

earthviewer.png

U-Ashley Bryant uchaza indlela asebenzisa ngayo i-EarthViewer ukucacisa i-plate tectonics, i-continental drift, kunye nolunye utshintsho lomhlaba kubafundi bakhe bebanga lesi-8.

Cofa kumfanekiso ukuze uqalise i-app yewebhu ye-EarthView okanye ucofe kweli ilinki ukutyelela iphepha le-EarthViewer ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe.

Ukwenziwa koBHANGISO lweZininzi

Le modyuli inokusebenzisana iphonononga iimeko zokusingqongileyo kunye neentlobo zezilwanyana nezityalo ezachatshazelwa yenye kwezi ziganeko zintlanu zinkulu zokutshatyalaliswa kwezinzi.Ukutshabalala yinxalenye eqhelekileyo yenkqubo yendaleko. Kodwa ngamaxesha amahlanu kwimbali yomhlaba, amazinga okutshabalala adlule kakhulu kumanqanaba aqhelekileyo.

 

Oku kucofa ze ufunde kuvumela abafundi ukuba bathelekise ezi ziganeko zintlanu zinkulu zokukutshatyalaliswa kwezininzi, baphicothe unobangela weziziganeko, kwaye baqinisekise ukuba ukutshatyalaliswa koninzi lwesithandathu kusenokwenzeka kwixesha elizayo.

​

"Iposter" PDF ibonelela ngenguqulelo efikelelekayo yalomxholo apha kucofa ze ufunde.

mass extinctions.jpg

Cofa kumfanekiso ukuze uqalise i-app yewebhu ye-Mass Extinction okanye ucofe kule linki ukutyelela iphepha le-EarthViewer ngolwazi oluphangaleleyo.

Imbali enzulu yoBomi

Le modyuli inokusebenzisana iphonononga iziganeko eziphambili kwirekhodi lobomi emhlabeni, elo rekhodi linwenwela kwiminyaka engaphezu kwezigidigidi ezintathu.

​

Koku kucofa ze ufunde, abafundi batyelela amaxesha ahlukeneyo kwimbali yomhlaba ukuze bafunde ukuba babunjani ubomi ngelo xesha, ngokusekelwe kubungqina benzululwazi. Obu bungqina bunjalo bususela kutyikityo lwemichiza ematyeni kunye neemoletyhuli zakudala zebhayoloji, ukuya kwiifosili zeedayinaso ezinkulu kunye nabantu bokuqala.

 

Oku kucofa ze ufunde kukwabandakanya umthi wobomi owenziwe lula obonisa ihlelo elikhulu lezilwanyana nezityalo kunye nobudlelwane bazo bendaleko.

deep history.jpg

Cofa emfanekisweni ukuze uqalise usetyenziso lwewebhu lwembali enzulu okanye ucofe kule linki ukuze undwendwele iphepha le-EarthViewer ngeenkcukacha ezithe vetshe.

Ubomi Obuphilisiweyo: IFOSILI EPHILAYO YENTLANZI

Ibali leCoelocanth

Le vidiyo imfutshane enopopayi ibalisa ibali lokufunyanwa kwe-coelacanth, uhlobo lwentlanzi ephuma kwiqela leentlanzi ezineempiko ezibubujijeka ezazikho kwiminyaka ezizigidi ezingama-400 eyadlulayo.

​

Ividiyo isebenzisa oonopopi bephepha kunye nokubaliswa ngabantu abaziingcali kwelicandelo, ukubonisa ukuba yafunyanwa njani i-coelacanth, kunye nokuba yintoni etyhilwa zimpawu zayo ezikhethekileyo malunga nemali yayo yodaleko. Ngo-1938, umgcini wemyuziyam yaseMzantsi Afrika uMarjorie Courtenay-Latimer wadibana nephiko eliluhlaza elingaqhelekanga lithe thuu kwimfumba yeentlanzi. Ngenxeni yamaphiko anenyama, ajijekileyo kunye namaxolo ayo aqinileyo axhobileyo, i-coelacanth (Latimeria chalumnae) ayizange ifane nayo nayiphi na enye intlanzi ekhoyo namhlanje.

 

Iinzululwazi zafumanisa kamva ukuba le ntlanzi iphuma kumnombo oye wahlala ungaguqukanga kangangamakhulu ezigidi zeminyaka, nto leyo eyabangela ukuba ichazwe njenge "fosili ephilayo".

bottom of page